iwawo.
Ezimbabwe,  eZambia naseMaputo abalandeli banokucela ingoma kodwa isiZulu sabo siyakrokrisa -sonke siyahleka kodwa ekugqibeleni siyaqonda ukuba yintoni kanye efunekayo.
Umculo wam uchaza enye yezi meko zihlekisayo endiye ndadibana nazo apha ekukhenketheni kunye neThe Soul Brothers . Kukho ingoma ethi Kiri Ri Kigi, ekuyingoma yomtshato ebalaselisa abantakwethu xa bezama ukulinganisa indlela esikikizela ngayo, utshilo uMjay .
UMjay ehleka uthe: Kudala ndifuna ukwenza okunje. Nakuba kunjalo ndim obekade ekhathazeka qho ndisima eqongeni njengesithethi kukhenketho lweSoul Brothers emazweni 
Ukwazile naye ukukhe ahlekise eNgilani xa umphathi wokhenketho uKeith Lister ethetha nabaphulaphuli esebenzisa isiNgesi sakhe esingasulungekanga.
Ekhumbula oko uMjay uthe:
Bakuthandile, kongeza kumculo wethu obusonwabisa. Noko amaJamani ayagqwidiza xa ethetha isiNgesi nam ke noko ndithethe ngokufana nqwa nawo,
Ngelishwa, sithe sidlalela amaJapan , andakwazanga ukuwanyumbaza ngendlela yam ngenxa yeengxaki yolwimi. Sifumene itoliki kwaza noko sakwazi ukuqhula namaJapan .
EOstreliya uMjay uphumelele nakuba eqabuke sesimelela. Kuthe xa ecula abalandeli bamleqa lo mculi kangangokuba uye wawa waza wakruneka.
lndlela elithandwa ngayo eli cwecwe lithi Apolojize iyancumisa - abantu bayalifuna kwaye bathanda ukuhleka - bezihleka. injongo yeli cwecwe kukuzama ukudibanisa abantu bakwamanye amazwe nabakweli ngokufumana okuqhelekileyo emculweni nasekuhlekeni, utsho uMjay .

 Mjay akungomfiki emculweni - ungene kweli qonga xa iThe  Flaming Souls yayisakhonya, eli liqela elalimthanda - nembali yeSoul Brothers iyuzichazo.
Ndandidlala ikatala yenkonkxo yeparafin de utata wandithengela eyokwenyani, ukhumbula oko uMjay . Ugayelwe kwiTrotters , iqela lentambula elivela eZondi eSoweto, emitshatweni yayidlala amaculo athandwayo ezinye mvumi.
Ethubeni ucule neThe  Movers njengomkhalisi wekatala ohlabelelayo de iSoul Brothers yamcela ayithelele ngo-1974.
Emva koko uMjay ngenxa yokubalasela kwakhe eqongeni eli qela lathi makacule noDavid Masondo. Ukususela ngoko bendicula. Ndikwafunde nokudlala uhadi kuMoses Ngwenya, utshilo uMjay .
Ukwaziwa ngokuba yiBomber  - kuba ndinomzimba omkhulu emzini wakhe eZondi eSoweto uMjay uyakuthanda ukubutha nokubukela iividiyo zomculo nezeefilim .
BONA XHOSA -  March 2000 91



N
 GEXESHA apho ubomi bomntu bubonakala bungabalulekanga, amalungu ayi-11 olutsha olugqibe ukufunda nolwaziwa ngokuba yiMolweni First Aiders Association luzimisele ukusindisa uluntu (olungame45 000) kwingingqi oluhlala kuyo kufutshane naseThekwini.
Abantu bethu bebesokola bezama ukufumana uncedo kwezonyango emva kwemini,
ithemba elitsha - amanye amavolontiya amatsha eMolweni Crisis Clinic aye aphembeleleka ukuba afune umsebenzi kwezonyango.




ingakumbi amabhinqa akhulelweyo kuba ubundlobongela bubangele ukuba iinqwelo zezigulana zingangeni kule ndawo, kaloku ikliniki ivala ngeye-4:30 xa amathunzi anabe athi rhece ezintlanjeni, nkqu ngeempelaveki iingcango zayo zivaliwe, ukhumbula oko omnye kubo, uNana Sithole. Le nto ibeyingxubakaxaka kuba abantu bebesifa ngempela-veki ngenxa yokuhlatywa kwaye amanye amabhinqa akhulelweyo aswelekelwe ngabantwana. Thina singumbutho wolutsha waseMolweni, sigqibe ngokuseka eli qela ukuze ngolwazi oluncinane esinalo sincede abantu.
Phofu, olu lutsha longa iingxwelerha seluncede xa kubelekwa abantwana abangama-60 kwaye sele lusindise amawaka-waka abantu abaxholwaxholwe ngeemela okanye abenzakele kwiingozi zeemoto .
Umququzeleli weli phulo nguMphathi wesitishi samapolisa aseMolweni uNicholas Mchunu, obesebenza nolutsha lwaseMolweni ukusukela oko waqala esitishini samapolisa kwiminyaka esixhenxe eyadlulayo.
Sithethe ngeengxaki ezininzi, kuquka neendlela esinokunceda ngazo ulutsha ukuba luyeke iziyobisi notywala xa lunceda uluntu. lmfuneko yeziko lasebusuku yabasisisombululo.
Siqulunqe inkqubo yeveki ezintandathu yabantu abafuna ukusebenza kwaye sele sicele iinkokeli zoluntu noosomashishini ukuze basixhase ngemali kuba sifuna indawo enkulu kwaye sifuna eli ziko lisebenze njengeklinikhi iiyure ezingama-24.
Sikwafuna izixhobo zoncedo Iokuqala zala maxesha ukuze sisebenze kakuhle. Ngokomzekelo okwangoku sisebenzisa izikere eziqhelekileyo namabhandeji xa sisonga izigulana kwaye ndibona ingathi akwanelanga oko. Ulutsha lufuna izixhobo zala maxesha ukuze Iwenze umsebenzi walo kakuhle.
Njengoko esitsho uLungelo Mthembu: Ukubandakanyeka kwam nombutho kundifundise ukuqina ndijongana nayo nayiphi na imeko enzima. Bendikade ndisoyika ukunceda umntu olimeleyo kodwa ngoncedo lweSouth African First Aid
ezentlalo
Izifundo
zokusindisa ubomi
Phuhlisa indawo ohlala kuyo, ungayitshabalalisa -Iowo ngumyalezo osuka kulutsha IwaseMolweni KwaZulu-Natal ojoliswe kubo bonke abami belizwe lethu

kubalisa uLINDA  MANYONI
kufote  uLIEZEL  HANNEMANN

92 BONA XHOSA -   March 2000
League, siye
safumana uqeqesho
oluthe kratya loncedo
lokuqala kwaze
mvanje saqeqesheka
kwezoncedo lokuqala.
Ngoku
ndingasebenza
nakweliphi iziko, nkqu
nakwizibhedlele
ezikhulu, kuba ndiye
ndawuthanda lo
msebenzi. Phofu, ndifuna ukusebenza njengeparamedic
Eli qela
Lamavolontiya
lizimisle kakhulu
kangangokuba ngoku
lixakekile liqeqesha
olunye ulutsha
ukwenzela amanye
amaphulo anokunceda
uluntu lwaseMolweni.
Asifuni ukunceda
uluntu lwalapha
kuphela kodwa
sikwafuna ukwandisa
iphulo lethu
nakwezinye iindawo
ezikufutshane nathi.
Ulutsha kufuneka lwazi
ukuba ubomi buyaqhubeka emva kwebanga lematriki nokuba awunamali yakuya etheknikhon ,  kwiikholeji okanye kwiiyunivesithi .
Sizimisele ukuvelisa iinkokeli kolu Iutsha olwaziwa ngokuba luyalahleka. Sinalo ulutsha oluzimiseleyo
- bafuna nje ukuboniswa eyona ndlela iIungileyo ucacise njalo uSiyabonga Mbonambi.
Ndiziva mdimkhulu ngokuba negalelo kwindawo endihlala kuyo ngelixa ndikwafumana ulwazi olubalulekileyo kwezokubelekisa, ukunceda uluntu neengxwelerha, uyavuma uNana Sithole. Ngubani owaziyo, mhlawumbi ndingangumongikazi kuba sele ndiwuthanda kakhulu lo msebenzi.
ngokuba namaxabiso ancumisayo.

IMPAHLA YODIDI OLUPHAMBILI ENEGARANTI
AbakwaBonus Building Supplies bakholelwa ekubeni xa usakha. kufuneka wakhe umzi oqinileyo noza kuhlala ixesha elide. Yiloo nto bethengisa impahla yodidi oluphambili nenegaranti yeminyaka
YONGA imali : Ngoku uBonus unelungiselelo lokuba imali yetyala ixhuzulwe emvuzweni wakho
Ungonga imali ulihlawule lula ityala lakho ngokwenza ilungiselelo noBonus lokuba imali oyihlawulayo itsalwe emvuzweni wakho. Ngesivumelwano abasenze nabakwaSaambou Bank  imali oyihlawula ngenyanga kwaBonus ingatsalwa ngqo emvuzweni wakho. Ngokuhlawula ngale ndlela uya konga imali eninzi kwinzala kwaye akusayi kubakho mfuneko yokuba uye kuzihlawulela kwaBonus . Oko kukukhupha esichengeni sokusoloko uphethe imali .
Abahlawulisi ngegaranti yabo, kuba abafani neevenkile ezininzi ezithengisa ngetyala.

YAMKELWE YI-UNION ALLIANCE HOLDINGS
Uncedo lwemali nempahla yokwakha lwakwaBonus lwamkelwe yiUnion Alliance Holdings ebone abakwaBonus Building Supplies bayeyona venkile ilungileyo abantu abanokuthenga kuyo iimpahla zokwakha.
I-UAH yinkampani yotyalo-mali emele abasebenzi abazizigidi ezithathu abangamalungu emibutho yabasebenzi eli-12 engaphantsi kweCOSATU , kwaye loo mibutho iquka iFAWU , NEHAWU , NUMSA ,  SACCAWU ,  SADTU , SATAWU ,  BCAWU ,  CAWU ,  CEPPWAWU ,  CWU ,  NUFBWSAW nePOPCRU .


ZIBANDAKANYE KWELI  LUNGISELELO
Liyenziwa ilungiselelo Iokuba imali oyihlawula ngenyanga itsalwe emvuzweni wabasebenzi kuzo zonke iinkampani . Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha thetha nenkampani yakho. neeshopsteward zombutho wabasebenzi okanye umcebisi ngokwakha kwivenkile ekufutshane nawe yakwaBonus .
Ukuze ufumane iindidi ngeendidi zempahla yokwakha ezinamaxabiso aphantsi ngetyala, tyelela enye yezi venkile zakwaBonus .
Uvula Amathuba Okuba Nendlu Nefundo
Ngaba awunako ukuboleka imali yokuthenga umzi ebhankini ? uncedo lokwakha umzi IwakwaBonus Iuyafumaneka - akukho diphozithi akukho zindleko zifihlakeleyo, uhlawula ngezavenge.
Ngokunika uncedolokwakha indlu nolwemfundo, abakwaBonus bazinikele ekunikeni abantwana bethu isiqalo sobomi esibafaneleyo.


